











































Nakuba Engasekho uPeta
UmcuIo Usaqhubeka!




Kuyaxolisa ukufumanisa ukuba iphupha likaPeta Teanet Iokubalasela emculweni alitshabalalanga - umninawa wakhe, uForster Teanet, uza kuthabatha apho ayeke khona uPeta ngenxa yokufa kwakhe okungabhungisanga. UBONGANI HLATSHWAYO uthethe naye, uLUCKY NXUMALO wafota.

NGO-1986 ngethuba uMzantsiAfrika ushiywa yenye "ikumkani yeDisco" yomcuto wesiShangane, uPaul Ndlovu - walahlekelwa umculo wesiShangane kwaza emva koko kwavela iimvumi eziphambili ezifana noThomas Chauke noPeta Teanet, ebebethatyathwa njengamagqala olu hlobo lomculo.
Ukufa kukaPeta Teanet akuzobashiya abalandeli bakhe belahlekelwe lithemba njengoko umninawa wakhe naye onesiphiwo sokucula, uForster Teanet, eza
kuqhubeka nokucula. Ayijiki into yokuba
"umakhwekhwetha" wethu akasekho
-	nguThixo othande ukuba kube njalo. Okuseleyo ngoku kukuba sithabathise apho ayeke khona -siqhubeke nokuvelisa umculo wolu hlobo.
"Usifundisile umculo, kwaye luxanduva lwethu ukuba siwunonophele. Njengoko esishiyele istyudiyo kubhazabhaza wendlu yakhe kunye nevenkile eThapane, abantwana bakhe abali-13 baza














INkulumbuso yePhondo loMntla, uNgoako Ramatfhodi, uthembise ukhuseleko ebantwini bephondo Iakhe.

lmvumi yePop, uLinah Khama, odume nge!ikaEbony akakwazanga kuzibamba iinyembezi... usuka kude kakhulu noPeta Teanet nanjengoko ekhe wamprodyusela amanye amacwecwe akhe.
ISILILO SIKAMAMA...
unina kaPeta, uEmma, ebekhathazeke gqitha emphefumlweni kukulahlekelwa ngunyana wakhe kangangokuba kuye bekufuneka asoloko ebanjiwe.


















 UMHLA WOKUGQIBELA ... eThapane Sports Ground, abahlolokazi bakaPeta
Teanet abasibhozo behlel' elangeni. Ekunene ngabanye basebukhweni bakhe ebebezimase inkonzo yomngcwabo.


kukhuliswa kakuhle", utshilo uForster Teanet.
Owona mnqweno kaForster mkhulu kukuba abahlolokazi abasibhozo bomkhuluwa wakhe -uGloria, uShamilla, uBetty, uDikeledi, uDoit, uMiranda, uGladys noRossina
- bahlale emzini wabo omkhulu eTzaneen baqhubeke nomsebenzi wabo omhle.
Uthe: "Ngokubona kwam abahlolokazi abasibhozo bomkhuluwa mabangabi ziintsalu kuloko mabahlale ndawonye.
Ngokuchaseneyo namarhe okuba abakwaTeanet bashiywe ebuhlwempini kwibhotwe elingasenanto - abeBONA bafumanise nto yimbi.
AbakwaTeanet baseza kuqhubeka













nokuhlala emzini wabo. lstudiyo esisekhayeni labo siza kusetyenziselwa ukushicilela iikhasethi zeemvumi ezisaqalayo zephondo laseMntla.
Ipomakazi Iomzi kaPeta Teanet... kunye nendlu ebehlala kuyo iminyaka emininzi.





Eli qela liseza kucula kwiminyhadala yomculo nanjengoko ababini kubahlolokazi bakaPeta Teanet, uShamilla noGladys -owaziwa ngoVuyelwa kwezomculo -bebecula bodwa, ngokunjalo nentombi yakhe endala, uJeanet.
Nomama wakhe, uEmma, uza kuqhubeka nokushicilela kwaye iqela elombelelayo, iThe Big T, iza kubagcina abalandeli bakaPeta besiva isandi nesingqisho somculo wakhe.
UForster uchazile, "Xa ebesaphila uPeta undinike ithuba lokukhula njengemvumi - endifundisa ubuchule obahlukeneyo bomculo wakhe.
"Besendiqalile nokucula ndedwa ngethuba esaphila. Ndashicilela icwecwe elilelam elithi Share One South Afrika, elikamama uEmma elithi Maotwana, kunye nelenkosikazi yam, uMaria, elithi Maria Forster VoI.
1,
"Nangona esematsha la macwecwe, elam selithengise ngaphezu kwama-20 000, elikaEmma lithengise ama-25 000 kanti elikaMaria lithengise ngaphezu kwama-8 000. Okunye okundonwabisayo ngomculo wethu kukuba umkhuluwa ushicilele icwecwe lokuthi ndlela-ntle elithi Double Pashash VoL 2 ngokungathi kukho into ebimxelela ukuba uza kusweleka.
Nanjengoko ndinecwecwe elitsha elisendleleni ndiza kulinda de kukhutshwe elikaPeta, ndilandelise ngelam emva koko. Kodwa ndiyathembisa ukuba ndiza kusithabatha isithsaba sokuba
Nakuba
Engasekho uPeta Umculo Usaqhubeka!
"yikumkani yoMculo wesiShangane", uthembisile uForster.
Kuninzi azimisele ukukwenza. Nangona kunjalo, xa uqwalasela icwecwe lakhe langaphambili uyabona ukuba unako ukuphumelela. lcwecwe lakhe lokuqala elithi Black Force Vol. 1 lathengisa ngaphezu kwama10 000; u Vol. 2 walo wathengisa ama-79 000; u Vol. 3 yena wathengisa ama-83 000; uVoI. 4 wathengisa ama-35 000; uVoI. 5 wathengisa i-19 000 kwaye kunyaka ophelileyo uvelise u VoL 6 nothengise ngaphezu kwama-20 000.
UForster Teanet ubonakalise isiphiwo sakhe kwinkonzo yomngcwabo eThapane Sports Ground ngethuba ehlokomisa abantu neThe Big T ngeengoma ezenze kwashukuma wonke umntu.
Xa ilungu losapho belithetha ngomzuzu wokugqibela wokufa kukaPeta Teanet Iithe:
"Waxelela umhlobo wakhe ukuba udutyulwe entliziyweni, ngoko
	makabalekiselwe
	esibhedlele. Kodwa
	ngelishwa imoto yonakele                              ingekafiki esibhedlele".
	  llungu leqela leThe Big T
elinguPeter lixelele izihlwele ukuba "uPeta Teanet usifundise imfihlo emculweni kwaye kuluxanduva lwethu ukuba siqhubeke nomsebenzi wakhe", litshilo.
lNkulumbuso yePhondo loMntla, uNgoako Ramatlhodi, udlulise uvelwano lukarhulumente kusapho lakwaTeanet esithi: "Ebeyimvumi yethu ephambili nebesizingca ngayo Ebekwalilungu le-ANC elibe nendima engathethekiyo kunyulo luka-1994 nakoloomasipala.
"Esi senzo sibi senze ukuba ixuthwe imipu yabeSAPS xa bengekho mpangelweni. Ukuthintela ezinye iimeko ezinjengezi kufuneka senze uluntu lukonwabele ukukhuselwa ngabeSAPs.
"Oku kulumcelo-mngeni kurhulumente wam ukuba ancedise ekutshintsheni abe-SAPS bangabi ngabacinezeli koko babathande abantu ababakhonzayo. Abekho ngaphezulu komthetho. Sizimisele njengorhulumente ukuqinisekisa ukuba kuyenzeka oko", uziqinisekisile izihlwele okaRamatlhodi.
Kuzikhulule iintliziyo ukuva ngeNkulumbuso ukuba isebe lemfundo leli phondo lizibandakanye kwiphulo lenkqubela yobugcisa nenkcubeko ukuze kuveliswe iimvuni ezinesiphiwo njengoPeta Teanet. 
Ukuba izinto zihamba ngokwezicwangciso, umculo wakhe uya kuhlala ukhona ungafi njengokaPaul Ndlovu ongasekhoyo.









30 BONA XHOSA - October 1996



Uya Kunqandwa Zinkwenkwezi
kubalisa uWILLIE BOKAL.A
Ubuntwanarha kwaye naye uyavuma ukuba unjalo. Kodwa wonwabile ekwanodlamko. NguAmanda Quwe lowo, ongomnye wabadlali abatsha beefilim zakwaSABC, nozimisele ukunqandwa
ziinkwenkwezi ebomini.
indiphembeleleyo emculweni ndiyazi ukuba ndinokuphumelela kuba ndinomnqweno woko.
Ndiyawuthanda umculo wokholo kodwa ndiqonde ukuba mandilixube icwecwe ukuze lanelise wonke umntu.
U-Amanda uneziphiwo ezininzi. Ngaphandle kokumodela, ukudlala nokucula, ufuna ukuqhubeka
nokufunda.














 Yonk into yazenzekela kuAmanda Quwe. Lo mfundi unama-22 eminyaka ubudala wayezihambela kwimarike yeziqhamo waza wadibana nenenekazi leSilamsi elathi kuye:
Umhle, ngoko ufanele ubusebenzise ubuhle bakho.
Ngokuqinisekileyo elo Silamsi Ialibona imbalasane yangomso, lamcenga ukuba atyelele kwiziko Ieemodeli elikufutshane. Waya apho, kwaza oko kwamenza wadlala indawo kaAunt Sophie kuKideo owayeboniswa kwisikhululo esasisakuba yiCCV, ekuhambeni kwexesha udlale indawo ephambili yokuba nguZuziwe kumdlalo obusithi Kwazidenge obuboniswa kwi-
SABC 1.
UQuwe unelizwi elimnandi kanti udize ukuba ungena kwezolonwabo ngokushicilela icwecwe abona ukuba liza kuthandwa ngabalandeli bakhe.
Xa besincokola naye ubexakeke licwecwe lakhe elithi Ngawu Zithethele. "Linakokonke okufunwa ngabathandi bomculo
- ukususela kumculo wokholo kuse kowedisco".
lsiphiwo sakhe emculweni asiyonto intsha. "Ndizalwa kusapho lweemvumi. Bobane abantwana basekhaya
babecula ecaweni kwaye nam ndandicula nomntakwethu.
Nangona kungekho mvumi
Kungokunje ufunda isidanga kwiFood Technology ePeninsula Technikon.
Uthi uzibona ibimfanele indawo kaZuziwe ebeyidlala kumdlalo othi, Kwazidenge.
"UZuziwe ukhulele kwikhaya elikhonzayo njengam. Uyintwazana eyonwabileyo efumana umfana eza kuncuma naye zize izinto zingahambi kakuhle ekugqibeleni. Kodwa, unabazali abanenkathalo njengokuba nam ndandinabo".
Waqala ukuba nomdla wokudala iifilim ngokubukela umabonakude aze abe nombono wakhe edlala iindima ezithile kumabonakude ngenye imini.
"Uyabona, ingxaki yam kukuba ndinemibono. Xa ndicinga oko kwenziwa yinto yokuba inkwenkwezi yam yiVirgo. Ndikhulele kwenye yeendawo ezihluphekileyo elizweni, ngoko ndandizibona ndingunontlalontle ndinceda nabantu. Kwakhona ndazibona ndingugqirha ndaphinda ndacinga ukuba ndiya kuba yititshalakazi. Kodwa ngoku naku ndisenza izifundo zeFood Technology.
Uthi elona xesha libe mnandi ebomini bakhe kuxa wazuza idiploma yobutitshalakazi ekholejini. "Ndazincoma ngoko kuba ndasebenza nzima kakhulu ukuze ndiyifumane. Bendifundisa eSabatha ngaphambi kokuba
ndiyokufunda ePeninsula Technikon".







UMbali Utshatshele Kumculo Wokholo!

























Kumele ukuba uMbaIi yimvumi yomculo wokholo enik' umdla okhe wayiva. Ukuba uyimvumi echukumisa umphefumlo kumculo wokholo unokukuva xa uphulaphula icwecwe lakhe Iamvanje elithi "Masixolelane"



 UMBALI uzalelwe eEvaton kuNxantathu weLigwa, wafudukela kwilokishi ekufutshane iSebokeng eneminyaka esibhozo, eminyakeni emithathu kamva uye eSoweto.
UMbali nomsakwabo babengahlali ndawonye ukususela mhla baswelekelwa ngunina, uninakhulu wabanika uthando "lukamama", thando olo lunike uMbali imvakalelo yokuba uYesu ubakhathalele.
Okunene, namhlanje enama-21
eminyaka, uMbali utsho ngoncumo lolonwabo kuba uyazi ukuba iNkosi imkhathalele imnika ilizwi elimnandi ukuze alisebenzise ekuyidumiseni.
Zonke iingoma kweli cwecwe zinento yokwenza noYesu nezinto ezimangalisayo uThixo azenzela abantu eMhlabeni. Kwethi Nkosi Sihlangene, uMbali ubongoza iNkosi ukuba ibe nathi nanini na sihlanganisene ngegama Layo. Kwethi Phezulu Ezulwini uthi emazulwini kuhlala iingcwele zodwa nabani na ofuna ukuya apho kufuneka athandaze ngomoya wakhe wonke.
Kwethi Masixolelane uthi sonke neenkokeli zelizwe lethu kufuneka sixolelane kwizenzo zethu zangaphambili, sinqande ubundlobongela size sakhe ikamva lobuhlobo lethu sonke.
Kwethi UJesu Wasifela Sonke udlulisela isigidimi sokuba kuYesu
akukho mahluko phakathi kwentlanga okanye iinkcubeko. UJesu wasifela sonke, ucula njalo uMbali.
Ezinye iingoma ziquka ethi Tate, ethi
Sebaka Seteng, ethi Lala Honna, ethi
Umoya Wakho kwanethi Till We Meet
Again.
Eli cwecwe liprodyuswe nguPeter Mokoena naye uye waprodyusa icwecwe lakhe lokuqala elithi "Ngiyamthanda Ujesu" ekunye noBabsy Mlangeni. NguBabsy oye wabhaqa uMbali eminyakeni emine edlulileyo xa wayecula kwiPentecostal Church Choir ekumazwe ngamazwe. Uqalise ukucula njengemvumi eyombelela iqela lentambula yakhe nakwicwecwe fakhe elithi "Baby Ntshware".







Thumela amangenelo apha:
BONA-MBALI COMPETITION, BOX 15509, DOORNFONTEIN 2028 Amangenelo makabe afikile kuthi phambi komhla wama - 25 kuOktobha, 1 996.

IMIBUZO
1. Ngubani owabhaqa uMbali, phi?




2. Sinike iingoma ezimbini ezikwicwecwe lakhe elitsha.



26 BONA XHOSA October 1996

28 BONA XHOSA - October 1996

32 BONA XHOSA - October 1996

